-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
37
|Éxodo 36:37|
Umnyango wentente bawenzela isisitheliso ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki;
-
38
|Éxodo 36:38|
neentsika zaso zantlanu, namagwegwe azo, bazaleka iintloko zazo neminqiwu yazo ngegolide, neziseko zazo zozihlanu zazezobhedu.
-
1
|Éxodo 37:1|
UBhetsaleli wayenza ityeya ngomngampunzi. Ubude bayo baba ziikubhite zombini ezinesiqingatha, ububanzi bayo baba yikubhite enesiqingatha, ukuphakama kwayo kwayikubhite enesiqingatha.
-
2
|Éxodo 37:2|
Wayaleka ngegolide ecocekileyo ngaphakathi nangaphandle, wayithi jize ngesithsaba segolide.
-
3
|Éxodo 37:3|
Wayityhidela amakhonkco egolide amane, emilenzeni yayo yomine: amakhonkco amabini ngeli icala, amakhonco amabini ngeliya icala.
-
4
|Éxodo 37:4|
Wenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngegolide;
-
5
|Éxodo 37:5|
wazifaka izibonda ezo emakhonkcweni asemacaleni etyeya, ukuba ithwalwe ngazo.
-
6
|Éxodo 37:6|
Wenza isihlalo sokucamagusha ngegolide ecocekileyo. Ubude baso baba ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, ububanzi baso baba yikubhite enesiqingatha.
-
7
|Éxodo 37:7|
Wenza iikerubhi zambini ngegolide, ukuzenza wazikhanda; zavela eziphelweni zozibini zesihlalo sokucamagusha:
-
8
|Éxodo 37:8|
enye ikerubhi ivele esiphelweni esi, enye ikerubhi ivele esiphelweni esiya. Wazenza iikerubhi esihlalweni sokucamagusha, zavela eziphelweni zaso zozibini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7