-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
29
|Éxodo 37:29|
Wenza neoli engcwele yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi esingangxengelelweyo, umsebenzi womqholi ke lowo.
-
1
|Éxodo 38:1|
Wasenza nesibingelelo sedini elinyukayo ngomngampunzi: ubude baso baba ziikubhite ezintlanu, ububanzi baso baba ziikubhite ezintlanu, sambombo-ne; ukuphakama kwaso kwaziikubhite ezintathu.
-
2
|Éxodo 38:2|
Wenza iimpondo zaso ezimbombeni zaso, zaphuma kuso iimpondo zaso, wasaleka ngobhedu.
-
3
|Éxodo 38:3|
Wazenza zonke iimpahla zesibingelelo eso: iinkamba, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, neefolokhwe, neengcedevu; zonke iimpahla zaso wazenza ngobhedu.
-
4
|Éxodo 38:4|
Isibingelelo wasenzela uthango, umsebenzi ongumnatha, ngobhedu, phantsi kongqameko olujikelezileyo, lwathabathela ezantsi, lwathi gabhu phakathi.
-
5
|Éxodo 38:5|
Wawatyhida amakhonkco amane eziphelweni zozine zothango lobhedu, aba ziindawo zezibonda.
-
6
|Éxodo 38:6|
Wenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngobhedu.
-
7
|Éxodo 38:7|
Wazifaka izibonda emakhonkcweni, emacaleni esibingelelo, ukuba sithwalwe ngazo; wasenza ngeeplanga saholoholo.
-
8
|Éxodo 38:8|
Wenza uhehema lwesitya sokuhlambela ngobhedu, noseko lwalo ngobhedu, nezipili zabafazi, ababekhonza emnyango wentente yokuhlangana.
-
9
|Éxodo 38:9|
Wenza intendelezo kwelasezantsi icala, ngasezantsi, yaba ngamawunduwundu entendelezo, elinen ecikizekileyo, ephothiweyo, iikubhite ezilikhulu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7