-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Éxodo 37:19|
Zaba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile kweli isebe, zineqhina nentyantyambo; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile zaba kweliya isebe, zineqhina nentyantyambo. Kwaba njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso.
-
20
|Éxodo 37:20|
Zaba ne iindebe esiphathweni ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina aso neentyantyambo zaso.
-
21
|Éxodo 37:21|
Yaba liqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, yaliqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, yaliqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, angawamasebe amathandathu avela kuso.
-
22
|Éxodo 37:22|
Amaqhina awo namalungu awo avela kuso sonke, saba ngumkhando wamnye wegolide ecocekileyo.
-
23
|Éxodo 37:23|
Wenza izibane zaso zasixhenxe, nezifinyiso zaso, neengcedevu zaso, ngegolide ecocekileyo.
-
24
|Éxodo 37:24|
Wasenza ngetalente yegolide ecocekileyo, neempahla zaso zonke.
-
25
|Éxodo 37:25|
Wenza nesibingelelo sokuqhumisela ngomngampunzi. Ubude baso baba yikubhite, ububanzi baso baba yikubhite, saba mbombo-ne; ukuphakama kwaso kwaziikubhite ezimbini; zaphuma kuso iimpondo zaso.
-
26
|Éxodo 37:26|
Wasaleka ngegolide ecocekileyo umphezulu waso, namacala aso ngeenxa zonke, neempondo zaso, wasithi jize ngesithsaba segolide.
-
27
|Éxodo 37:27|
Wasenzela amakhonkco amabini ngegolide, phantsi kwesithsaba saso ezimbombeni zaso ezimbini, emacaleni aso omabini, aziindawo zezibonda ukuba sithwalwe ngazo.
-
28
|Éxodo 37:28|
Wazenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngegolide.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7