-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Éxodo 6:18|
Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli. Iminyaka yobudala bukaKehati yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anamithathu.
-
19
|Éxodo 6:19|
Oonyana bakaMerari nguMaheli, noMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaLevi ngenzala yabo.
-
20
|Éxodo 6:20|
UAmram wazeka uYokebhede, udade boyise, wangumkakhe; wamzalela uAron noMoses. Iminyaka yobudala buka-Amram yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anesixhenxe.
-
21
|Éxodo 6:21|
Oonyana bakaItsare nguKora, noNefege, noZikri.
-
22
|Éxodo 6:22|
Oonyana bakaUziyeli nguMishaheli, noElitsafan, noZitri.
-
23
|Éxodo 6:23|
UAron wazeka uElishebha intombi ka-Aminadabhi, udade boNashon, wangumkakhe; wamzalela uNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.
-
24
|Éxodo 6:24|
Oonyana bakaKora nguAzire, noElikana, noAbhiyazafu; yiyo leyo imizalwane yamaKora.
-
25
|Éxodo 6:25|
UElazare, unyana ka-Aron, wazeka umfazi ezintombini zikaPutiyeli; wamzalela uPinehasi. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ngokwemizalwane yabo.
-
26
|Éxodo 6:26|
Ngulaa Aron noMoses, wathi kubo uYehova, Bakhupheni oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo.
-
27
|Éxodo 6:27|
Ngabo abo bathethayo kuFaro ukumkani waseYiputa, ukuba abakhuphe oonyana bakaSirayeli eYiputa; ngabo Moses noAron.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10