-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
28
|Éxodo 6:28|
Kwathi, mhlana wathethayo uYehova kuMoses ezweni laseYiputa,
-
29
|Éxodo 6:29|
wathetha uYehova kuMoses, wathi, NdinguYehova; thetha kuFaro, ukumkani waseYiputa, zonke izinto endizithethayo kuwe.
-
30
|Éxodo 6:30|
Wathi uMoses phambi koYehova, Yabona, ndingomlomo ungalukanga; wothini na uFaro ukundiphulaphula?
-
1
|Éxodo 7:1|
Wathi uYehova kuMoses, Khangela, ndikwenze uthixo kuFaro; ke uAron umkhuluwa wakho woba ngumprofeti wakho.
-
2
|Éxodo 7:2|
Wena wothetha zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo; ke uAron umkhuluwa wakho wothetha kuFaro, aze abandulule oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe.
-
3
|Éxodo 7:3|
Ke mna ndiya kuyiqaqadekisa intliziyo kaFaro, ndiyandise imiqondiso yam nezimanga zam ezweni laseYiputa.
-
4
|Éxodo 7:4|
Akayi kuniphulaphula uFaro. Ke mna iYiputa ndiya kuyisa isandla, ndiyikhuphe imikhosi yam, abantu bam oonyana bakaSirayeli, ezweni laseYiputa ngezigwebo ezikhulu;
-
5
|Éxodo 7:5|
azi amaYiputa, ekusoluleni kwam isandla sam phezu kweYiputa, ukuba ndinguYehova; ndibakhuphe oonyana bakaSirayeli phakathi kwawo.
-
6
|Éxodo 7:6|
Wenza ke uMoses noAron; ngoko uYehova wabawisela umthetho ngako, benjenjalo.
-
7
|Éxodo 7:7|
UMoses ubeminyaka imashumi asibhozo ezelwe, noAron ubeminyaka imashumi asibhozo anamithathu ezelwe, ukuthetha kwabo kuFaro.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10