-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Éxodo 7:18|
zife iintlanzi ezisemlanjeni, unuke umlambo, amaYiputa abe nesicaphucaphu akuwasela amanzi omlambo.
-
19
|Éxodo 7:19|
Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Thabatha intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kwamanzi aseYiputa, phezu kwemilambo yabo, naphezu kwemijelo yabo, naphezu kwamachibi abo, naphezu kweentlangano zonke zamanzi abo; abe ligazi, ibe ligazi ezweni lonke laseYiputa, nasemiphandeni yemithi neyamatye.
-
20
|Éxodo 7:20|
OoMoses noAron benza njengoko uYehova wabawisela umthetho; wayiphakamisa intonga, wawabetha amanzi omlambo phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe; aza aguquka onke amanzi omlambo, aba ligazi.
-
21
|Éxodo 7:21|
Zafa iintlanzi ezisemlanjeni, wanuka umlambo, akaba nako amaYiputa ukuwasela amanzi omlambo; laba ligazi ezweni lonke laseYiputa.
-
22
|Éxodo 7:22|
Zenjenjalo ke nezazi zaseYiputa ngobugqi bazo, Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.
-
23
|Éxodo 7:23|
Wajika uFaro, waya endlwini yakhe, akayibekela ntliziyo nale nto.
-
24
|Éxodo 7:24|
Onke amaYiputa emba amanzi okusela ngeenxa zonke emlanjeni; kuba ebengenakuwasela amanzi omlambo.
-
25
|Éxodo 7:25|
Kwazaliseka isixhenxe seentsuku emveni kokuwubetha kwakhe uYehova umlambo.
-
1
|Éxodo 8:1|
Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro, uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
-
2
|Éxodo 8:2|
Ke ukuba uthe akwavuma ukubandulula, uyabona, ndoyibetha yonke imida yakho ngamasele;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10