-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
24
|Éxodo 18:24|
UMoses waliphulaphula izwi loyise womkakhe, wayenza into yonke abeyithethile.
-
25
|Éxodo 18:25|
UMoses wanyula amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala kuwo onke amaSirayeli, wawenza iintloko phezu kwabantu, aba ngabathetheli-waka, nabathetheli-khulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye.
-
26
|Éxodo 18:26|
Bathetha amatyala abantu ngamaxesha onke; izinto ezinqabileyo bazizisa kuMoses, zonke ezincinane bazigweba bona.
-
27
|Éxodo 18:27|
UMoses wamndulula uyise womkakhe, waya elizweni lakowabo.
-
1
|Éxodo 19:1|
Ngenyanga yesithathu emveni kokuphuma koonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa, ngayo loo mini, bafika entlango yaseSinayi.
-
2
|Éxodo 19:2|
Banduluka eRefidim, bafika entlango yaseSinayi, balalisa entlango; amisa iintente apho amaSirayeli malunga nentaba.
-
3
|Éxodo 19:3|
UMoses wenyuka waya kuThixo, uYehova wadanduluka kuye esentabeni apho, wathi, Yitsho kwindlu kaYakobi, uxelele oonyana bakaSirayeli ukuthi,
-
4
|Éxodo 19:4|
Nina niyibonile into endiyenzileyo kumaYiputa, ukuba ndanithwala ngamaphiko okhozi, ndanizisa kum.
-
5
|Éxodo 19:5|
Ngoku ke, ukuba nithe naliphulaphula okunene izwi lam, nawugcina umnqophiso wam, noba yinqobo kum kwizizwe zonke, kuba ihlabathi lonke lelam;
-
6
|Éxodo 19:6|
nibe bubukumkani bababingeleli kum, nohlanga olungcwele. Ngawo lawo amazwi oya kuwathetha koonyana bakaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10