-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Éxodo 19:17|
UMoses wabakhupha abantu eminqubeni, baya kumkhawulela uThixo; bema emazantsi entaba.
-
18
|Éxodo 19:18|
Intaba yeSinayi yaba ngumsi yonke iphela, kuba uYehova wehla phezu kwayo esemlilweni. Umsi wayo wenyuka njengomsi weziko lemfutho; yanyikima kunene yonke intaba.
-
19
|Éxodo 19:19|
Kwabakho isandi sesigodlo esaya sisomelela kakhulu; wathetha uMoses, uThixo wamphendula ngesandi.
-
20
|Éxodo 19:20|
Wehla ke uYehova phezu kwentaba yeSinayi, encotsheni yentaba; uYehova wambizela uMoses encotsheni yentaba leyo; wenyuka ke uMoses.
-
21
|Éxodo 19:21|
Wathi uYehova kuMoses, Yihla, ubaqononondise abantu, hleze batyhobozele kuYehova, bakhangele, kwenzakale into eninzi kubo.
-
22
|Éxodo 19:22|
Kananjalo ababingeleleli abasondelayo kuYehova, mabazingcwalise, hleze uYehova ababhubhise.
-
23
|Éxodo 19:23|
Wathi uMoses kuYehova, Abantu abanakunyuka, baye entabeni yeSinayi; kuba wena wasiqononondisa wathi, Yimisele imida intaba, uyingcwalise.
-
24
|Éxodo 19:24|
Wathi uYehova kuye, Hamba uhle, uze unyuke wena ninoAron; ke ababingeleli nabantu mabangatyhobozi benyuke beze kuYehova, hleze ababhubhise.
-
25
|Éxodo 19:25|
Wehla ke uMoses, waya ebantwini, watsho kubo.
-
1
|Éxodo 20:1|
UThixo wawathetha ke onke la mazwi, wathi:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10