-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Éxodo 19:7|
Weza uMoses, wawabiza amadoda amakhulu abantu, wabeka phambi kwawo onke amazwi uYehova awamwisela umthetho ngawo.
-
8
|Éxodo 19:8|
Baphendula bonke abantu ngamxhelo mnye, bathi, Konke akuthethileyo uYehova sokwenza. UMoses wayixelela uYehova intetho yabantu.
-
9
|Éxodo 19:9|
Wathi uYehova kuMoses, Yabona, ndiyeza kuwe ndiselifini elingqingqwa, ukuze beve abantu ekuthetheni kwam nawe, bakholwe kuwe ngonaphakade. Wawaxela ke uMoses amazwi abantu kuYehova.
-
10
|Éxodo 19:10|
Wathi uYehova kuMoses, Yiya ebantwini, ubangcwalise namhla nangomso, bazihlambe iingubo zabo, balunge ngomhla wesithathu;
-
11
|Éxodo 19:11|
kuba ngomhla wesithathu uya kuhla uYehova phezu kwentaba yeSinayi, emehlweni abantu bonke;
-
12
|Éxodo 19:12|
ubamisele abantu imida ngeenxa zonke, uthi kubo, Zigcineni ningenyukeli entabeni, ningawachukumisi amazantsi ayo; osukuba eyichukumisa intaba wobulawa afe.
-
13
|Éxodo 19:13|
Makungafiki sandla kuye; makaxulutywe ngamatye mpela, athi mhlawumbi atolwe nokutolwa; nokuba yinto ezizitho zine, nokuba ngumntu, akayi kuphila. Sakolula isandi sesigodlo ukuhlokoma, banganyuka entabeni bona.
-
14
|Éxodo 19:14|
Wehla uMoses entabeni, waya ebantwini, wabangcwalisa abantu; bazihlamba iingubo zabo.
-
15
|Éxodo 19:15|
Wathi ebantwini, Ize nizilungiselele umhla wesithathu, ningasondeli ebafazini.
-
16
|Éxodo 19:16|
Kwathi ngomhla wesithathu, kwakusa, kwabakho iindudumo, nemibane, nelifu elinzima phezu kwentaba, nesandi sesigodlo esomeleleyo kunene; bagubha bonke abantu abaseminqubeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10