-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|Éxodo 20:12|
Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.
-
13
|Éxodo 20:13|
Uze ungabulali.
-
14
|Éxodo 20:14|
Uze ungakrexezi.
-
15
|Éxodo 20:15|
Uze ungebi.
-
16
|Éxodo 20:16|
Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.
-
17
|Éxodo 20:17|
Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.
-
18
|Éxodo 20:18|
Bonke abantu bazibona iindudumo nemibane, nesandi sesigodlo, nentaba ingumsi. Abantu babona ke bangcangacazela, bamela kude.
-
19
|Éxodo 20:19|
Bathi kuMoses, Thetha wena nathi, siya kuva; makangathethi nathi uThixo, hleze sife.
-
20
|Éxodo 20:20|
Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; kuba uThixo uze kunilinga, ukuba kubekho ukumoyika ebusweni benu, ukuze ningoni.
-
21
|Éxodo 20:21|
Abantu bamela kude; wasondela uMoses esithokothokweni abekuso uThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10