-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Éxodo 21:16|
Othe weba umntu, nokuba uthengise ngaye, nokuba ufunyenwe esandleni sakhe, wobulawa afe.
-
17
|Éxodo 21:17|
Othe watshabhisa uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe.
-
18
|Éxodo 21:18|
Xa athe abambana amadoda, yaza enye yambetha ummelwane wakhe ngelitye, nokuba kungengqindi, akafa, wesuka walala ngendlu:
-
19
|Éxodo 21:19|
ukuba uthe wavuka, wahamba phandle esimelela: mayingabi natyala leyo yambethayo, kodwa yomnika indleko yexesha lakhe, imphilise aphile.
-
20
|Éxodo 21:20|
Xa athe umntu wabetha isicaka sakhe, nokuba sisicakakazi sakhe ngentonga, safa ngesandla sakhe: sophindezelwa ngenene.
-
21
|Éxodo 21:21|
Kodwa ukuba sithe sahlala, asafa, usuku nokuba ziintsuku: makungaphindezelwa; kuba siyimali yakhe.
-
22
|Éxodo 21:22|
Xa athe amadoda abambana ngezihlwitha, agila umfazi emithi, waphuma isisu, akwenzakala nto noko: makahlawuliswe ngenene umfo lowo, njengoko iya kubeka phezu kwakhe indoda yaloo mfazi, arhole ngokwelizwi labahluli.
-
23
|Éxodo 21:23|
Ukuba uthe wenzakala, uze urhole umphefumlo ngomphefumlo,
-
24
|Éxodo 21:24|
iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo,
-
25
|Éxodo 21:25|
ukutshiswa ngokutshiswa, inxeba ngenxeba, umvumbo ngomvumbo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10