-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
26
|Éxodo 21:26|
Xa athe umntu wasibetha esweni isicaka sakhe, nokuba uthe wasibetha esweni isicakakazi sakhe, latyhaphaka: makasindulule sikhululekile ngenxa yeliso laso.
-
27
|Éxodo 21:27|
Ukuba uthe wakhumla izinyo lesicaka sakhe, nokuba lelesicakakazi sakhe: makasindulule sikhululekile ngenxa yezinyo laso.
-
28
|Éxodo 21:28|
Ke xa inkomo ithe yahlaba indoda, nokuba yinkazana, yafa: loo nkomo mayigityiselwe ngamatye, ingadliwa inyama yayo; umnininkomo woba msulwa.
-
29
|Éxodo 21:29|
Ke ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, waza waziswa umniniyo, akayigcina noko, yaza yabulala indoda, nokuba yinkazana: mayigityiselwe ngamatye inkomo leyo, kananjalo nomniniyo makabulawe.
-
30
|Éxodo 21:30|
Ukuba uthe wamiselwa intlawulo yokuzicamagushela, makayirhole akhulule umphefumlo wakhe, ngako konke akumiselweyo.
-
31
|Éxodo 21:31|
Nokuba ihlabe unyana, nokuba ihlabe intombi, makwenziwe kuye ngelo siko.
-
32
|Éxodo 21:32|
Ukuba inkomo yakhe ithe yahlaba isicaka, nokuba sisicakakazi, makarholele inkosi yaso iishekele zesilivere ezimashumi mathathu, inkomo yona igityiselwe ngamatye.
-
33
|Éxodo 21:33|
Xa umntu athe wavula umhadi, naxa umntu athe wemba umhadi, akawuvingca, kweyela inkomo, nokuba liesile, kuwo:
-
34
|Éxodo 21:34|
umninimhadi woyimisela, ambuyisele umniniyo ngemali, leyo ifileyo ibe yeyakhe.
-
35
|Éxodo 21:35|
Xa ithe inkomo yomntu yahlaba inkomo yommelwane wakhe, yafa, mabathengise ngenkomo leyo iphilileyo, bayahlule imali yayo; kananjalo mabayahlule leyo ifileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10