-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Éxodo 21:6|
inkosi yalo leyo yolisondeza kuThixo, ilisondeze elucangweni, nokuba kusemgubasini, ilithumbuse indlebe ngenyatyhowa inkosi yalo, liyikhonze ngonaphakade.
-
7
|Éxodo 21:7|
Xa ke umntu athe wathengisa ngentombi yakhe, yaba likhobokazana, mayingaphumi ngokokuphuma kwamakhoboka lawo.
-
8
|Éxodo 21:8|
Ke ukuba ithe ayayikholisa inkosi yayo, ebizimisele yona, yoyivumela ukuba ikhululwe ngentlawulelo; ke ayiyi kuba nagunya lakuthengisa ngayo kubantu bolunye uhlanga, ukuba iyitshinizele.
-
9
|Éxodo 21:9|
Ukuba ithe yayimisela unyana wayo, yothi iyenze ngokwesiko leentombi zonke.
-
10
|Éxodo 21:10|
Ukuba ithe yamzekela omnye umfazi, mayingakunciphisi ukudla kwayo, nezambatho zayo, nokubalelwa kwayo.
-
11
|Éxodo 21:11|
Ukuba ayithanga izenze ezo zinto zontathu, mayiphume ingahlawulelwanga mali.
-
12
|Éxodo 21:12|
Othe wabetha umntu wafa, naye wobulawa afe.
-
13
|Éxodo 21:13|
Ke lowo ubengenanzondo, yanguThixo omqubisanise nesandla sakhe, ndokumisela indawo aya kusabela kuyo.
-
14
|Éxodo 21:14|
Xa ke umntu athe wagabadela ngakummelwane wakhe, wambulala ngobuqhophololo: uze umsuse nasesibingelelweni sam, afe.
-
15
|Éxodo 21:15|
Othe wabetha uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10