-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
36
|Éxodo 21:36|
Ukuba kwakusazeka ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, akayigcina umniniyo: makayimisele inkomo ngenkomo, leyo ifileyo ibe yeyakhe.
-
1
|Éxodo 22:1|
Xa umntu athe weba inkomo, nokuba yigusha, wayixhela, mhlawumbi wathengisa ngayo: makadliwe iinkomo zibe ntlanu ngenkomo leyo, izimvu zibe ne ngemvu leyo.
-
2
|Éxodo 22:2|
Ukuba isela lithe lafunyanwa ligqobha indlu, labethwa lafa, akukho tyala lagazi kulowo.
-
3
|Éxodo 22:3|
Ukuba liphunyelwe lilanga, lobakho ityala legazi kulowo. Loo nto maliyimisele ngokuzeleyo; ukuba alinanto, makuthengiswe ngalo ngenxa yobusela balo.
-
4
|Éxodo 22:4|
Ukuba ithe yafunyanwa isesandleni salo, okanye iphilile, loo nto ibiweyo, nokuba yinkomo, nokuba liesile, nokuba yigusha, maliyibuyise nganto mbini.
-
5
|Éxodo 22:5|
Xa umntu athe wadlisa intsimi, nokuba sisidiliya, wavulela iinkomo zakhe, zayidla intsimi yomnye: makamisele ngeyona nto intle yentsimi yakhe, nangeyona nto intle yesidiliya sakhe.
-
6
|Éxodo 22:6|
Xa kuthe kwatsha umlilo, wafumanana neentango, watshisa izitha zengqolowa, nokuba yemiyo, nokuba yintsimi: lowo uwutshisileyo makazimisele ezo zinto.
-
7
|Éxodo 22:7|
Xa athe umntu wanikela ummelwane wakhe imali, nokuba yimpahla, ukuba ayigcine, yaza yabiwa endlwini yaloo mntu: ukuba lithe lafunyanwa isela elo, maliyibuyekeze kabini.
-
8
|Éxodo 22:8|
Ukuba lithe alafunyanwa isela: umninindlu makasondezwe kuThixo, afunge ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe lowo.
-
9
|Éxodo 22:9|
Ngenxa yezinto zonke zokona, ngenxa yenkomo, ye-esile, yegusha, yengubo, nangenxa yezinto zonke ezidakileyo, ezifaniswayo: loo ndawo yabo bobabini yoya phambi koThixo; othe wagwetywa nguThixo, wombuyekeza kabini ummelwane wakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10