-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Éxodo 22:10|
Xa athe umntu wanika ummelwane wakhe iesile, nokuba yinkomo, nokuba yigusha, nokuba yiyiphi into ezitho zine, ukuba ayigcine; yaza yafa, mhlawumbi yaphuka, mhlawumbi yathinjwa, kungaboni bani:
-
11
|Éxodo 22:11|
makubekho ukufunga uYehova phakathi kwabo bobabini, ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe; makamkele oko umniniyo, loo mntu angayimiseli.
-
12
|Éxodo 22:12|
Ukuba ibiwe yabiwa ikuye, woyimisela kumniniyo.
-
13
|Éxodo 22:13|
Ukuba iqwengiwe, woyizisa ibe lingqina; makangayimiseli into eqwengiweyo.
-
14
|Éxodo 22:14|
Xa athe umntu waboleka inkomo kummelwane wakhe, yaza yaphuka, mhlawumbi yafa, engekho umniniyo, makayimisele.
-
15
|Éxodo 22:15|
Ukuba ithe yenzakala ekho umniniyo, makangayimiseli; ukuba ibithe yaqeshwa, ibe ihambele ingqesho yayo.
-
16
|Éxodo 22:16|
Xa athe umntu warhwebesha intombi engaganiweyo, walala nayo, woyilobola ibe ngumkakhe.
-
17
|Éxodo 22:17|
Ukuba uyise wayo walile kanye ukumnika, makarhole imali njengekhazi lazo iintombi.
-
18
|Éxodo 22:18|
Umkhafulikazi uze ungamyeki adle ubomi.
-
19
|Éxodo 22:19|
Bonke abathe balala inkomo, mababulawe bafe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10