-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Éxodo 23:9|
Uze ungamxini umphambukeli; niyawazi nina umphefumlo womphambukeli, kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.
-
10
|Éxodo 23:10|
Wowuhlwayela umhlaba wakho iminyaka emithandathu, ubuthe iziqhamo zawo;
-
11
|Éxodo 23:11|
ke ngowesixhenxe wowuyeka ulale, adle amahlwempu abantu bakowenu, okuseleyo kuwo kudliwe ziinyamakazi; wenjenjalo ngesidiliya sakho, nangesinquma sakho.
-
12
|Éxodo 23:12|
Wowusebenza umsebenzi wakho imihla emithandathu, uphumle ngomhla wesixhenxe; iphumle inkomo yakho ne-esile lakho, akhe aphefumle unyana wesicakakazi sakho nomphambukeli.
-
13
|Éxodo 23:13|
Zonke izinto endizithethileyo kuni, zigcineni; igama lathixo bambi uze ungalikhankanyi, lingaviwa emlonyeni wakho.
-
14
|Éxodo 23:14|
Wondenzela umthendeleko kathathu ngomnyaka.
-
15
|Éxodo 23:15|
Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine, udle izonka ezingenagwele imihla esixhenxe, njengoko ndakuwiselayo umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma ngayo eYiputa; makungabonakali bani phambi kwam engaphethe lutho;
-
16
|Éxodo 23:16|
nomthendeleko wexa lokuvuna, wentlahlela yemisebenzi yakho yokuhlwayela entsimini; nomthendeleko wokuhlanganisa, osekupheleni komnyaka, ekuhlanganiseni kwakho imisebenzi yakho entsimini.
-
17
|Éxodo 23:17|
Izihlandlo ezithathu ngomnyaka, mayibonakale yonke into eyindoda yakowenu phambi kweNkosi uYehova.
-
18
|Éxodo 23:18|
Uze ungalibingeleli phezu kwento enegwele igazi lombingelelo wam; nenqatha lomthendeleko wam malingabi ngumbeko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10