-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Éxodo 24:6|
UMoses wathabatha isiqingatha segazi, wasigalela ezidendelekweni, esinye isiqingatha segazi wasitshiza esibingelelweni.
-
7
|Éxodo 24:7|
Wathabatha incwadi yomnqophiso, wayilesa ezindlebeni zabantu; bathi bona, Yonke into ayithethileyo uYehova soyenza siyive.
-
8
|Éxodo 24:8|
Walithabatha uMoses igazi, wabatshiza abantu ngalo, wathi, Nalo igazi lomnqophiso awenzayo uYehova nani ngala mazwi onke.
-
9
|Éxodo 24:9|
Wenyuka uMoses noAron, uNadabhi noAbhihu, namashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli.
-
10
|Éxodo 24:10|
Bambona uThixo wamaSirayeli; phantsi kweenyawo zakhe kwaye kunjengento eyenziwe ngesafire eqaqambileyo, njengenkqu yezulu lisile.
-
11
|Éxodo 24:11|
Amanene oonyana bakaSirayeli akawasanga sandla. Ambona ke uThixo, adla, asela.
-
12
|Éxodo 24:12|
Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uze kum entabeni, ube khona, ndikunike amacwecwe amatye enomyalelo nomthetho, endiwubhalele ukuze bayalwe ngawo.
-
13
|Éxodo 24:13|
Wesuka uMoses noYoshuwa, umlungiseleli wakhe, wenyuka ke uMoses waya entabeni kaThixo.
-
14
|Éxodo 24:14|
Wathi kumadoda amakhulu, Hlalani, nisilinde apho, side sibuye, size kuni. Yabonani, uAron noHure banani; onendawo yokumangala makasondele kubo.
-
15
|Éxodo 24:15|
Wenyuka ke uMoses waya entabeni; ilifu layigubungela intaba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10