-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
29
|Éxodo 23:29|
Andiyi kuwagxotha phambi kwakho ngamnyaka mnye, hleze ilizwe kube senkangala kulo, ande amarhamncwa asendle phezu kwakho.
-
30
|Éxodo 23:30|
Ndiya kumana ukuwagxotha kancinane phambi kwakho, ude wande, ulidle ilifa ilizwe.
-
31
|Éxodo 23:31|
Ndoyimisa imida yakho, ithabathele kuLwandle oluBomvu ise kulwandle lwamaFilisti; ithabathele entlango, ise kuwo uMlambo; kuba abemi belo lizwe ndiya kubanikela esandleni sakho, ubagxothe phambi kwakho.
-
32
|Éxodo 23:32|
Uze unganqophisani nabo, kwanoothixo babo;
-
33
|Éxodo 23:33|
ize bangemi kwelo zwe lakho, hleze bakwenze undone. Xa uthe wabakhonza oothixo babo, inene, oko koba ngumgibe kuwe.
-
1
|Éxodo 24:1|
Wathi ke kuMoses, Nyuka uye kuYehova, wena noAron, uNadabhi, noAbhihu, namashumi asixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, ninqule nikude;
-
2
|Éxodo 24:2|
kusondele uMoses yedwa kuYehova; bangasondeli bona, nabantu bangenyuki naye.
-
3
|Éxodo 24:3|
Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova, namasiko onke. Baphendula bonke abantu ngazwi-nye, bathi, Onke amazwi awathethileyo uYehova sowenza.
-
4
|Éxodo 24:4|
Wawabhala uMoses onke amazwi kaYehova, wavuka kusasa, wakha isibingelelo emazantsi entaba, nezimiso zamatye zalishumi elinazibini, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.
-
5
|Éxodo 24:5|
Wathuma abafana bakoonyana bakwaSirayeli, banyusa amadini anyukayo, babingelela imibingelelo yoxolo, iinkunzi ezintsha zeenkomo kuYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10