-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
27
|Éxodo 29:27|
Woyingcwalisa incum yomtshangatshangiso otshangatshangisiweyo, nomlenze womrhumo orhunyiweyo, enkunzini yemvu yokumisela uAron noonyana bakhe;
-
28
|Éxodo 29:28|
ibe yeka-Aron noonyana bakhe; ibe ngummiselo ongunaphakade, iphuma koonyana bakaSirayeli, kuba ingumrhumo. Woba ngumrhumo ophuma koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yoxolo, umrhumo wabo kuYehova.
-
29
|Éxodo 29:29|
Izambatho ezingcwele ezikuAron zoba zezoonyana bakhe emva kwakhe, bathanjiswe ngeoli bezambethe, bamiselwe kuzo.
-
30
|Éxodo 29:30|
Lowo ungumbingeleli esikhundleni sakhe, koonyana bakhe, wozambatha imihla esixhenxe ekungeneni kwakhe ententeni yokuhlangana, ukuba alungiselele engcweleni.
-
31
|Éxodo 29:31|
Inkunzi yemvu yokumisela uze uyithabathe, uyipheke inyama yayo endaweni engcwele;
-
32
|Éxodo 29:32|
bayidle ooAron noonyana bakhe inyama yenkunzi yemvu, kwanesonka esisengobozini, emnyango wentente yokuhlangana.
-
33
|Éxodo 29:33|
Ezo zinto, bekucanyagushwe ngazo, ukubamisela nokubangcwalisa, mabazidle; owasemzini makangazidli, kuba zingcwele.
-
34
|Éxodo 29:34|
Ukuba kuthe kwasala nto enyameni yokumisela nasezonkeni, kwada kwasa, uze uyitshise ngomlilo loo nto iseleyo; ingadliwa, kuba ingcwele.
-
35
|Éxodo 29:35|
Uze wenjenje kuAron nakoonyana bakhe ngokweento zonke endikuwisele umthetho ngazo; wobamisela iintsuku zibe sixhenxe.
-
36
|Éxodo 29:36|
Uze wenze idini lesono ngenkunzi entsha imini ngemini, ukuze kucanyagushwe; isibingelelo usihlambulule isono ekusicamagusheleni kwakho, usithambise, singcwaliswe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10