-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
37
|Éxodo 29:37|
Imihla yoba sixhenxe isibingelelo usicamagushela, usingcwalise, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele. Zonke izinto ezisichukumisayo isibingelelo eso zoba ngcwele.
-
38
|Éxodo 29:38|
Yiyo ke le into oya kuyibingelela esibingelelweni: ziimvana ezimnyaka mnye zibe mbini, imini ngemini amaxesha onke.
-
39
|Éxodo 29:39|
Enye imvana woyibingelela kusasa, eyesibini imvana uyibingelele lakutshona ilanga.
-
40
|Éxodo 29:40|
Kwimvana yokuqala uze wenze isahlulo seshumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli engqushiweyo esisahlulo sesine sehin, ndawonye nomnikelo othululwayo osisahlulo sesine sehin yewayini.
-
41
|Éxodo 29:41|
Eyesibini imvana woyibingelela lakutshona ilanga, uyenze ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ibe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni kuYehova.
-
42
|Éxodo 29:42|
Elo loba lidini elinyukayo lamaxesha onke kwizizukulwana zenu, emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, apho ndiya kuhlangana nani khona, ndithethe nawe.
-
43
|Éxodo 29:43|
Khona apho ndohlangana noonyana bakaSirayeli, bangcwaliswe ngobuqaqawuli bam;
-
44
|Éxodo 29:44|
ndiyingcwalise intente yokuhlangana nesibingelelo, noAron noonyana bakhe ndibangcwalise, babe ngababingeleli bam.
-
45
|Éxodo 29:45|
Ndohlala phakathi koonyana bakaSirayeli, ndibe nguThixo wabo;
-
46
|Éxodo 29:46|
bazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo, owabakhuphayo ezweni laseYiputa, ukuba ndihlale phakathi kwabo: ndinguYehova uThixo wabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10