-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Éxodo 30:11|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
12
|Éxodo 30:12|
Xa ulithabathayo inani loonyana bakaSirayeli, ngokubalelwa kwabo encwadini yomlibo wokuzalwa, mabanikele elowo imali yokucamagushela umphefumlo wakhe kuYehova ekubabaleni; ukuze kungabikho sibetho kubo ekubabaleni.
-
13
|Éxodo 30:13|
Nantsi loo nto: bonke abagqithela kwababaliweyo mabanike isiqingatha seshekele ngokweshekele yengcwele (ishekele leyo iziigera ezimashumi mabini); isiqingatha seshekele leyo yoba ngumrhumo kuYehova.
-
14
|Éxodo 30:14|
Bonke abagqithela kwababaliweyo, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, benyusa, mabamnike uYehova umrhumo.
-
15
|Éxodo 30:15|
Isityebi asiyi kugqithisa, nosweleyo akayi kubetha nganeno kwesiqingatha seshekele, ukumnika umrhumo uYehova, ukucamagushela imiphefumlo yenu.
-
16
|Éxodo 30:16|
Uze uyithabathe imali yokucamagusha koonyana bakaSirayeli, uyinikele enkonzweni yentente yokuhlangana; ukuze ibe sisikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, phambi koYehova, ukucamagushela imiphefumlo yenu.
-
17
|Éxodo 30:17|
Wathetha uYehova kuMoses esithi,
-
18
|Éxodo 30:18|
Yenza uhehema lwesitya sokuhlambela ngobhedu, noseko lwalo ngobhedu, kuhlanjelwe kulo; ulubeke phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, ugalele amanzi kulo;
-
19
|Éxodo 30:19|
bahlambele kulo uAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo.
-
20
|Éxodo 30:20|
Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana bohlamba ngamanzi, bangafi; nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, besiza kulungiselela nokuqhumisela ngokudla kwasemlilweni kuYehova;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10