-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Éxodo 30:31|
Wothetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Yoba yioli engcwele yokuthambisa kum le, kwizizukulwana zenu.
-
32
|Éxodo 30:32|
Ize ingagalelwa nyameni yamntu; uze ungenzi enjengayo ngomlinganiso wayo; ingcwele yona, mayibe ngcwele kuni.
-
33
|Éxodo 30:33|
Umntu osukuba eqhola enjengayo, nosukuba ethabatha kuyo ayinike ongengowakuni, wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.
-
34
|Éxodo 30:34|
Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele ubulawu, istorakis, neonike, negalebhana; ubulawu obo bube nentlaka emhlophe engangxengelelweyo, ibe yimilinganiso elinganayo;
-
35
|Éxodo 30:35|
wenze ngabo isiqhumiso esiqholiweyo, umsebenzi womqholi, sigalelwe ityuwa, sihlambulukile, singcwele.
-
36
|Éxodo 30:36|
Woyisila inxenye yazo icoleke, ucaphule, ubeke phambi kwesingqino ententeni yokuhlangana, apho ndiya kuhlangana nawe khona; yoba yingcwele kangcwele kuni.
-
37
|Éxodo 30:37|
Isiqhumiso eso, oya kusenza ngokomlinganiso waso, ize ningazenzeli okwenu; kuwe soba yingcwele kuYehova.
-
38
|Éxodo 30:38|
Umntu osukuba enze esinjengaso, ukuba asijoje, wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.
-
1
|Éxodo 31:1|
Wathetha uYehova kuMoses esithi,
-
2
|Éxodo 31:2|
Khangela, ndibize ngegama uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10