-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Éxodo 31:3|
ndamzalisa ngomoya kaThixo, ngobulumko, nangokuqonda, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke;
-
4
|Éxodo 31:4|
ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu,
-
5
|Éxodo 31:5|
nangokukrola amatye, awafake, nangokukrola imithi, asebenze amashishini onke.
-
6
|Éxodo 31:6|
Yabona, mna ndimkhuphe kunye noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan; nasezintliziyweni zabo bonke abalumkileyo entliziyweni ndibeke ubulumko, ukuza bazenze zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo:
-
7
|Éxodo 31:7|
intente yokuhlangana, netyeya yesingqino, nesihlalo sokucamagusha esiphezu kwayo, nempahla yonke yentente,
-
8
|Éxodo 31:8|
netafile nempahla yayo, nesiphatho sezibane esicocekileyo, nempahla yaso yonke, nesibingelelo sokuqhumisela,
-
9
|Éxodo 31:9|
nesibingelelo sedini elinyukayo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;
-
10
|Éxodo 31:10|
nezambatho zokubusa, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela;
-
11
|Éxodo 31:11|
neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi sengcwele; benze njengako konke endikuwisele umthetho ngako.
-
12
|Éxodo 31:12|
Wathetha uYehova kuMoses esithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10