-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Ezequiel 17:1|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
2
|Ezequiel 17:2|
Nyana womntu, jika iqhina, uzekelise ngomzekeliso kwindlu kaSirayeli, uthi,
-
3
|Ezequiel 17:3|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi: Ixhalanga elikhulu, elimaphiko makhulu, elintsiba zolukileyo, eliboya buqhamileyo, buchokochoko, leza eLebhanon, lathabatha amantloko omsedare.
-
4
|Ezequiel 17:4|
Laqhawula eliphezulu emahlamvini awo, lalisa ezweni lakwaKanan, lalimisa emzini wabarhwebi.
-
5
|Ezequiel 17:5|
Lacaphula embewini yelo zwe, layifaka entsimini ehlwayelwayo, layithabatha layisa kumanzi amaninzi, layimisa ngokomngculuba.
-
6
|Ezequiel 17:6|
Yahluma, yaba ngumdiliya onabileyo, omfuphi, ukuze amasebe awo asinge kulo, neengcambu zawo zibe phantsi kwalo; waba ngumdiliya ke, wenza amasebe, waqhama amagqabi.
-
7
|Ezequiel 17:7|
Kwabakho elinye ixhalanga elikhulu, elimaphiko makhulu, linoboya obuninzi. Nango lo mdiliya unabela ngakulo ngeengcambu zawo, ugobela ngakulo amasebe awo, ukuba liwanyele ezindimeni otyewe kuzo.
-
8
|Ezequiel 17:8|
Ubutyelwe entsimini elungileyo wona, ngasemanzini amaninzi, ukuze wenze amasebe, uxakathe iziqhamo, ukuba ube ngumdiliya onguwona unguwo.
-
9
|Ezequiel 17:9|
Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Womila na? Elaa xhalanga aliyi kuzinyothula na iingcambu zawo, lizinqumle iziqhamo zawo, ubune, athi onke amagqabi amatsha okuhluma kwawo abune, kungabi nangangalo inkulu nangabantu baninzi, ukuwususa ezingcanjini zawo?
-
10
|Ezequiel 17:10|
Yabona, khona utyelwe, womila na? Awuyi kubuna ubune na, wakufikelwa lulophu lwasempumalanga? Uya kubunela ezindimeni ohlume kuzo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7