-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Ezequiel 7:1|
Kananjalo kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
2
|Ezequiel 7:2|
Wena, wena ke nyana womntu, itsho iNkosi uYehova kumhlaba wakwaSirayeli ukuthi, Isiphelo, isiphelo siwafikele amasondo omane elizwe.
-
3
|Ezequiel 7:3|
Kaloku isiphelo sikufikele; ndiya kuwukhuphela umsindo wam kuwe, ndikugwebe ngokweendlela zakho, ndiwabeke phezu kwakho amasikizi akho onke.
-
4
|Ezequiel 7:4|
Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kukuzisela iindlela zakho, abe sesazulwini sakho amasikizi akho; nazi ukuba ndinguYehova.
-
5
|Ezequiel 7:5|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ububi, ububi obubodwa; yabonani, buyeza.
-
6
|Ezequiel 7:6|
Kuza isiphelo, isiphelo sona siyeza, sikuvukele wena; yabona siyeza.
-
7
|Ezequiel 7:7|
Uyakuzela umjojo, mmi welizwe eli; liyeza ixesha, isondele imini; kusisaqunge, akungamayeyeye emihlali ezintabeni.
-
8
|Ezequiel 7:8|
Ngoku kwakufuphi nje ndiya kuthulula phezu kwakho ubushushu bam, ndiwuphelelisele kuwe umsindo wam, ndikugwebe ngokweendlela zakho, ndiwabeke phezu kwakho onke amasikizi akho.
-
9
|Ezequiel 7:9|
Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kuwabeka phezu kwakho ngokweendlela zakho amasikizi akho phakathi kwakho; nazi ukuba mna Yehova ndingobethayo.
-
10
|Ezequiel 7:10|
Nantso imini! Nantso, ifikile! Uphuma umjojo, luphuma amathupha uswazi, kuyatyatyamba ukukhukhumala.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10