-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Ezequiel 43:1|
Wandisa esangweni, esangweni elibheke endleleni yangasempumalanga.
-
2
|Ezequiel 43:2|
Nabo ke ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli, buvela ngendlela yangasempumalanga, isandi sabo sinjengesandi samanzi amaninzi; ihlabathi lakhanya bubuqaqawuli bakhe.
-
3
|Ezequiel 43:3|
Imbonakalo ke endayibonayo, ukubonakala kwayo, yayinjengembonakalo leya, ndayibonayo ukuya kuwonakalisa kwam umzi; kwakukho neembonakalo ezinjengeembonakalo endazibonayo emlanjeni oyiKebhare; ndawa ke ngobuso.
-
4
|Ezequiel 43:4|
Ubuqaqawuli bukaYehova beza endlwini ngendlela yesango elibheke empumalanga.
-
5
|Ezequiel 43:5|
UMoya wandifukula, wandisa entendelezweni ephakathi; nabo ke ubuqaqawuli bukaYehova, buyizalisile indlu le.
-
6
|Ezequiel 43:6|
Ndeva othetha kum esendlwini le; kwabakho ke umntu omi ecaleni kwam.
-
7
|Ezequiel 43:7|
Wathi kum, Nyana womntu, khangela indawo yetrone yam, indawo yomphantsi weenyawo zam, apho ndiya kuhlala khona phakathi koonyana bakaSirayeli ngonaphakade; ingabi salenza inqambi igama lam elingcwele indlu kaSirayeli, bona nookumkani babo, ngobuhenyu babo, nangezidumbu zookumkani babo ezigangeni zabo;
-
8
|Ezequiel 43:8|
ekumiseni kwabo umbundu womnyango wabo ngasembundwini womnyango wam, nemigubasi yabo ecaleni lemigubasi yam, iludonga lodwa phakathi kwam nabo; belenze inqambi ke igama lam elingcwele, ngamasikizi abo abawenzayo. Ndabagqibela ke ngomsindo wam.
-
9
|Ezequiel 43:9|
Ngoku ke mabakhwelelise kum ubuhenyu babo, nezidumbu zookumkani babo, ndihlale phakathi kwabo ngonaphakade.
-
10
|Ezequiel 43:10|
Wena ke, nyana womntu, indlu kaSirayeli yixelele le ndlu, beve ihlazo ngenxa yobugwenxa babo, basilinganise isakhiwo esilinganiselweyo ngokuhle.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10