-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Ezequiel 30:1|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
2
|Ezequiel 30:2|
Nyana womntu, profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Bhombolozani, nithi, Hayi ke, le mini!
-
3
|Ezequiel 30:3|
Ngokuba ikufuphi le mini, ikufuphi imini kaYehova, imini yamafu; iya kuba lixesha leentlanga.
-
4
|Ezequiel 30:4|
Ikrele liya kuyifikela iYiputa; kuya kubakho ukuzibhijabhija kwaKushi, ekuweni kwababuleweyo eYiputa, ithatyathwe intabalala yayo, zichithwe iziseko zayo.
-
5
|Ezequiel 30:5|
AmaKushi, namaPuti, namaLudi, nomxukuxela wonke, namaKubhi, noonyana belizwe lomnqophiso, baya kuwa likrele ndawonye nayo.
-
6
|Ezequiel 30:6|
Utsho uYehova ukuthi, Baya kuwa abaxhasi beYiputa, lihle iqhayiya lamandla ayo. Baya kuthabathela iMigidoli, base eSevene, besiwa likrele kuyo; itsho iNkosi uYehova.
-
7
|Ezequiel 30:7|
KwelamaYiputa koba senkangala phakathi kwamazwe abharhileyo, nemizi yalo ibe phakathi kwemizi engamanxuwa;
-
8
|Ezequiel 30:8|
bazi ukuba ndinguYehova, ekufakeni kwam umlilo eYiputa, baphuke bonke abancedi balo.
-
9
|Ezequiel 30:9|
Ngayo loo mini kuya kuphuma kum abathunywa ngeenqanawa, ukuze bothuse amaKushi akholosileyo, azibhijabhije ngokwawo njengasemini yeYiputa; ngokuba, uyabona, iyeza le nto.
-
10
|Ezequiel 30:10|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuyiphelisa ingxokolo yeYiputa ngesandla sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10