-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Ezequiel 33:1|
Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
2
|Ezequiel 33:2|
Nyana womntu, thetha koonyana babantu bakowenu, uthi kubo, Xa ndithe ilizwe ndalizisela ikrele, abantu belizwe elo bathabatha indoda yaseziphelweni zabo, bayimisa ukuba ibe ngumboniseli wabo;
-
3
|Ezequiel 33:3|
yabona ikrele lilifikela ilizwe elo, yavuthela isigodlo, yabavusa abantu;
-
4
|Ezequiel 33:4|
ke umntu othe waliva izwi lesigodlo, akavuswa, lafika ikrele elo, lamthabatha: loba sentlokweni yakhe igazi lakhe.
-
5
|Ezequiel 33:5|
Izwi lesigodlo ulivile, akavuswa, igazi lakhe loba phezu kwakhe; evusiwe, ange ewusizile umphefumlo wakhe.
-
6
|Ezequiel 33:6|
Umboniseli lowo, xa athe walibona ikrele lisiza, akavuthela isigodlo, akabavusa abantu; lafika ikrele, lathabatha kubo umphefumlo: lowo uthatyathwe ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolibiza esandleni somboniseli lowo.
-
7
|Ezequiel 33:7|
Wena ke, nyana womntu, ndikwenze waba ngumboniseli kwindlu kaSirayeli; woliva emlonyeni wam ilizwi, ubavuselele ngokuphuma kum.
-
8
|Ezequiel 33:8|
Ndakuthi kongendawo, Wena ungendawo, uya kufa, inene; usuke ungathethi wena, ukuba umvuselele ongendawo, emke endleleni yakhe: wofa yena ongendawo ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolifuna esandleni sakho.
-
9
|Ezequiel 33:9|
Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo endleleni yakhe, ukuba abuye kuyo, akabuya endleleni yakhe: wofa yena ngobugwenxa bakhe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.
-
10
|Ezequiel 33:10|
Ke kaloku wena, nyana womntu, yithi kwindlu kaSirayeli, Niyalungisa ukuthi, Izikreqo zethu nezono zethu ziphezu kwethu; siyangcungcutheka kuzo; singathini na ukuphila?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10