-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Ezequiel 8:1|
Ke kaloku kwathi ngomnyaka wesithandathu, ngenyanga yesithandathu, ngolwesihlanu enyangeni leyo, ndihleli endlwini yam, namadoda amakhulu akwaYuda ehleli phambi kwam, sawa phezu kwam khona isandla seNkosi uYehova.
-
2
|Ezequiel 8:2|
Ndabona, nantso into efana nendoda ukubonakala kwayo; kuthabathele esinqeni sayo kwehlisa, kubonakala ingumlilo; kuthabathele esinqeni sayo kunyuse, ngathi kukubonakala kokukhazimla, ngathi yimbonakalo yegolide evuthiweyo.
-
3
|Ezequiel 8:3|
Wolula into emilise okwesandla, wandibamba ngesihlwitha sentloko yam; umoya wandifunqula ndaba phakathi komhlaba nezulu. Wandisa eYerusalem ngemibono kaThixo, ekungeneni kwesango lentendelezo ephakathi, elibheke ngasentla, apho bekuhleli khona umfanekiso wobukhwele okhweletisayo.
-
4
|Ezequiel 8:4|
Nabo ke bukhona ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli, bunjengombono endawubonayo entilini leyo.
-
5
|Ezequiel 8:5|
Wathi kum, Nyana womntu, khawuphakamise amehlo akho, ukhangele ngasentla. Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela ngasentla: nanko ngasentla kwesango lesibingelelo kukho loo mfanekiso wobukhwele usekungeneni kwalo.
-
6
|Ezequiel 8:6|
Wathi kum, Nyana womntu, uyakubona na abakwenzayo? Ngamasikizi amakhulu la, iwenzayo apha indlu kaSirayeli, ukuze ndikhwelele kude nengcwele yam; usaya kubuya ubone amasikizi amakhulu kunala.
-
7
|Ezequiel 8:7|
Wandisa ke ekungeneni kwentendelezo; ndabona, nango umngxuma eludongeni.
-
8
|Ezequiel 8:8|
Wathi kum, Nyana womntu, khawugqobhoze eludongeni. Ndagqobhoza ke eludongeni, nanko kukho umnyango.
-
9
|Ezequiel 8:9|
Wathi kum, Yiza, ubone amasikizi amabi abawenzayo apha.
-
10
|Ezequiel 8:10|
Ndangena, ndabona: nanzo zonke izinto ezimilise okwesinambuzane nenkomo, izinto ezinezothe, nezigodo zonke zendlu kaSirayeli, zikroliwe eludongeni ngeenxa zonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10