-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Ezequiel 31:1|
Ke kaloku kwathi, ngomnyaka weshumi elinamnye, ngenyanga yesithathu, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
2
|Ezequiel 31:2|
Nyana womntu, yithi kuFaro ukumkani waseYiputa, nakwingxokolo yakhe, Ufana nabani na ngobukhulu bakho?
-
3
|Ezequiel 31:3|
Uyabona, uAsiriya ebengumsedare waseLebhanon, omasebe mahle, eyintshinyela yemithi enomthunzi, ephakamile ngobude; aba phakathi kweengqimba zamafu amantloko akhe.
-
4
|Ezequiel 31:4|
Amanzi amkhulisa, amanzi enzonzobila amphakamisa, imilambo yawo yahamba ngeenxa zonke elutyalweni lwawo, athumela imijelo yawo kuyo yonke imithi yasendle.
-
5
|Ezequiel 31:5|
Ngako oko, ubude bakhe baphakama, baba ngaphezu kwayo yonke imithi yasendle; iimbaxa zakhe zanda, namahlamvu akhe aba made, ngenxa yamanzi amaninzi ekunabeni kwakhe.
-
6
|Ezequiel 31:6|
Zonke iintaka zezulu zakha ezimbaxeni zakhe, zonke izinto eziphilileyo zasendle zazakhela phantsi kwamahlamvu akhe; zonke iintlanga ezinkulu zahlala emthunzini wakhe.
-
7
|Ezequiel 31:7|
Wamhle ngobukhulu bakhe, ngobude bamasebe akhe; ngokuba ingcambu yakhe yabe isemanzini amaninzi.
-
8
|Ezequiel 31:8|
Imisedare esemyezweni kaThixo ayimsithanga; imisipres ayifananga neembaxa zakhe, nemipleyini ayibanga njengamahlamvu akhe; yonke imithi emyezweni kaThixo ayifananga naye ngobuhle bayo.
-
9
|Ezequiel 31:9|
Ndamenza mhle ngobuninzi bamasebe akhe, yaba nomona ngaye yonke imithi yase-Eden, esemyezweni kaThixo.
-
10
|Ezequiel 31:10|
Ngako oko yatsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba eziphakamisile ngobude, wawanyusela amantloko akhe phakathi kweengqimba zamafu, yazinyusa intliziyo yakhe ngokuphakama kwakhe:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10