-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 31:11|
ndiya kumnikela esandleni senjengele yeentlanga; inene, iya kumphatha ngesiko layo; ndamgxotha ngenxa yokungendawo kwakhe.
-
12
|Ezequiel 31:12|
Bamnqumla abasemzini, abangcangcazelisi basezintlangeni bamlahla. Ezintabeni nasemifuleni yonke awa amasebe akhe; amahlamvu akhe aphukela ezihlanjeni zehlabathi lonke; zehla zemka emthunzini wakhe zonke izizwe zehlabathi, zamlahla.
-
13
|Ezequiel 31:13|
Phezu kwesibili sakhe esiwileyo kuhlala zonke iintaka zezulu, zifike emahlamvini akhe zonke izinto eziphilileyo zasendle;
-
14
|Ezequiel 31:14|
ukuze ingaziphakamisi ngenxa yobude bayo yonke imithi yasemanzini, ingawanyuseli phakathi kweengqimba zamafu amantloko ayo, ingazimeli ngokwayo ekuziphakamiseni kwayo, yonke esela amanzi. Ngokuba bonke bephela banikelwe ekufeni, ezweni langaphantsi, phakathi koonyana baka-Adam, kwabahle baya embadini.
-
15
|Ezequiel 31:15|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngemini yokuhla kwakhe ukuya kwelabafileyo, ndabanga isijwili; ndawagqubuthela ngenxa yakhe amanzi anzongonzongo, ndathintela imilambo yawo, avingcelwa amanzi amakhulu. Ndayambathisa iLebhanon ngezimnyama zokuzila ngenxa yakhe, yonke imithi yasendle yetha amandla ngenxa yakhe.
-
16
|Ezequiel 31:16|
Ngesithonga sokuwa kwakhe ndazinyikimisa iintlanga, ekumhliseleni kwam ukuba aye kwelabafileyo, nabahle baya emhadini; yathuthuzeleka ezweni langaphantsi yonke imithi yase-Eden, enyuliweyo emihle yaseLebhanon, yonke esela amanzi.
-
17
|Ezequiel 31:17|
Nabo njengaye behla baya kwelabafileyo, kwababuleweyo ngekrele; ababeyingalo yakhe, behleli emthunzini wakhe phakathi kweentlanga.
-
18
|Ezequiel 31:18|
Kunjalonje, ufana nabani na ngobuqaqawuli nangobukhulu emithini yase-Eden? Uya kuhliselwa nemithi yase-Eden ezweni langaphantsi; uya kulala phakathi kwabangalukileyo, kwanababuleweyo ngekrele. NguFaro ke lowo, nengxokolo yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10