-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 7:11|
Ugonyamelo luphakame lwaba luswazi lokungendawo; akuyi kubakho namnye kubo osalayo, kungabikho nto kwingxokolo yabo, kungabikho nto kwintabalala yabo; kungabikho njuze isalayo kubo.
-
12
|Ezequiel 7:12|
Lifikile ixesha, isondele imini; othengayo makangavuyi, othengisayo makangenzi sijwili; ngokuba ukuvutha komsindo kuyayizela yonke ingxokolo yakhona.
-
13
|Ezequiel 7:13|
Ngokuba othengisayo akayi kubuyela entweni abethengise ngayo, nokuba ubesadla ubomi phakathi kwabadla ubomi; ngokuba umbono ongengxokolo yonke yakhona awuyi kubuya umva; kungabikho bani ubomelezayo ubomi bakhe ebugwenxeni bakhe.
-
14
|Ezequiel 7:14|
Bavuthela isigodlo, balungisa konke; kodwa akukho namnye oya ekulweni; ngokuba ubushushu bam buyizele ingxokolo yabo yonke.
-
15
|Ezequiel 7:15|
Ngekrele ngaphandle, ngendyikitya yokufa nangendlala ngaphakathi: osendle uya kufa likrele, ophakathi komzi adliwe yindlala nayindyikitya yokufa.
-
16
|Ezequiel 7:16|
Ke abasindileyo kubo bosinda, babe sezintabeni njengamavukuthu asemifuleni, bedumzela bonke bephela, elowo edumzela ngobugwenxa bakhe.
-
17
|Ezequiel 7:17|
Zonke izandla ziya kuwa, onke amadolo aye angabi namandla;
-
18
|Ezequiel 7:18|
babhinqe ezirhwexayo, bagutyungelwe kukududuzela, ebusweni bonke ibe kukudana, iintloko zabo zonke zibe ziinkqayi.
-
19
|Ezequiel 7:19|
Isilivere yabo baya kuyiphosa ezitratweni, negolide yabo ibe yinto engcolileyo kubo. Isilivere yabo negolide yabo ayiyi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; abayi kuwuhluthisa ngayo umphefumlo wabo, nombilini wabo bangawuzalisi ngayo; ngokuba yaba sisikhubekiso sokuba babe gwenxa.
-
20
|Ezequiel 7:20|
Isivatho sabo esinobukhazikhazi basimisela ikratshi, benza ngaso imifanekiso yabo engamasikizi, enezothe; ngenxa yoko ndiyenze yayinto engcolileyo kubo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7