-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 1:11|
ubuso bazo namaphiko azo abe ahlukene ngaphezulu; iyileyo inamabini ehlangene nawaleyo, namaphiko amabini ke egubungele imizimba yazo.
-
12
|Ezequiel 1:12|
Zahamba ke, iyileyo yaya kwicala elikhangelene nobuso bayo; apho sukuba ubusiya khona umoya, zaya khona; azajika ekuhambeni kwazo.
-
13
|Ezequiel 1:13|
Imfano yezinto eziphilileyo ezo, imbonakalo yazo, ibingathi ngamalahle omlilo abasiweyo; ibingathi yimbonakalo yezikhuni ezitshangazayo; wona wahambahamba phakathi kwezinto eziphilileyo ezo; umhlophe ke umlilo lowo, emlilweni kuphuma imibane.
-
14
|Ezequiel 1:14|
Izinto eziphilileyo bezigidima zibuye, ngokokubonakala kokuphambaphamba kombane.
-
15
|Ezequiel 1:15|
Ndazibona izinto eziphilileyo; nanko ke, kukho iivili emhlabeni, ecaleni kwezinto eziphilileyo, zinganye iivili kubuso ngobuso bazo obune.
-
16
|Ezequiel 1:16|
Ukubonakala kweevili nokusetyenzwa kwazo kwakunjengembonakalo yekrizolite, zimfani-nye zone; ukubonakala kwazo nokusetyenzwa kwazo kungathi ivili ingaphakathi kwevili.
-
17
|Ezequiel 1:17|
Ekuhambeni kwazo zaphambela kumacala azo omane; azajika ekuhambeni kwazo.
-
18
|Ezequiel 1:18|
Iifeleni zazo beziphakamile, bezisoyikeka; iifeleni zazo bezizele ngamehlo ngeenxa zonke kuzo zone.
-
19
|Ezequiel 1:19|
Zakuhamba izinto eziphilileyo, zahamba nazo iivili ecaleni lazo; zakusuka izinto eziphilileyo emhlabeni, zasuka nazo iivili.
-
20
|Ezequiel 1:20|
Apho sukuba usiya khona umoya, zaya apho sukuba umoya ubusiya khona; zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7