-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 26:11|
Ngamanqina amahashe akhe uya kuzigqusha izitrato zakho zonke; uya kubabulala abantu bakho ngekrele, iintsika zakho ezinamandla aziwise emhlabeni.
-
12
|Ezequiel 26:12|
Baya kubuthimba ubutyebi bakho, bayiphange into orhweba ngayo, bazigunguxule iindonga zakho, bazidilize izindlu zakho ezinqwenelekayo, bawatshonise emanzini amatye akho, nemithi yakho, nothuli lwakho.
-
13
|Ezequiel 26:13|
Ndoluphelisa ulwandile lweengoma zakho, singabi saviwa isandi seehadi zakho.
-
14
|Ezequiel 26:14|
Ndokwenza ube yingxondorha ebalelelwe lilanga; uya kuba yindawo yokwaneka iminatha. Akusayi kuba sakhiwa; ngokuba mna Yehova ndithethile; itsho iNkosi uYehova.
-
15
|Ezequiel 26:15|
Itsho iNkosi uYehova kwiTire, ukuthi, Aziyi kunyikima na iziqithi ngenxa yesithonga sokuwa kwakho, ekuncwineni kwabangxwelerhiweyo, ekubulaweni kwabaphakathi kwakho?
-
16
|Ezequiel 26:16|
Ziya kuhla ezitroneni zabo bonke abazizikhulu zolwandle, bazisuse iingubo zabo zokwaleka, bazihlube iingubo zabo ezimfakamfele; bambathe ukugubha, bahlale phantsi emhlabeni, bagubhe ngamaphanyazo onke, bamangaliswe nguwe.
-
17
|Ezequiel 26:17|
Baya kukuphakamisela isijwili, bathi kuwe, Yoo! Utheni na ukudaka, wena ubumiwe ngabeelwandle, wena mzindini udumileyo, owawomelele elwandle, wona nabemi bawo, obe ubaqhiphukisa umbilini abemi bawo bonke!
-
18
|Ezequiel 26:18|
Ngoku ziyagubha iziqithi ngomhla wokuwa kwakho, zikhwankqiswe iziqithi eziselwandle ngenxa yokuphela kwakho.
-
19
|Ezequiel 26:19|
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekukwenzeni kwam ube ngumzi olinxuwa, njengemizi engasamiweyo; ekuwanyuseni kwam phezu kwakho amanzi anzongonzongo, akugubungele amanzi amaninzi:
-
20
|Ezequiel 26:20|
ndiya kukuhlisela kwabahle baya emhadini, ndikuse ebantwini basendaleni, ndikuhlalise ezweni langaphantsi, emanxuweni asendaleni nabahle baya emhadini, ukuze ungamiwa; ndenze ubukhazikhazi ezweni labahleliyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7