-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 29:11|
Akuyi kucanda lunyawo lwamntu kulo, akuyi kucanda nqina lankomo kulo, lingemiwa, iminyaka engamashumi amane.
-
12
|Ezequiel 29:12|
Ndiya kulenza kube senkangala ilizwe laseYiputa phakathi kwamazwe abharhileyo, ibe ngamanxuwa imizi yalo phakathi kwemizi engamanxuwa, iminyaka engamashumi amane; ndiwaphangalalisele amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni.
-
13
|Ezequiel 29:13|
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekupheleni kweminyaka engamashumi amane, ndiya kuwabutha amaYiputa ezizweni, abephangalaliselwe kuzo;
-
14
|Ezequiel 29:14|
ndibuyise ukuthinjwa kweYiputa, ndiwabuyise elizweni lasePatrosi, ezweni lokuvela kwawo, abe sisikumkani esiphantsi khona.
-
15
|Ezequiel 29:15|
Ezikumkanini aya kuba sesiphantsi, angabi saziphakamisa ngokwawo phezu kweentlanga; ndiwanciphise, ukuze angazinyatheleli phantsi iintlanga.
-
16
|Ezequiel 29:16|
Akayi kuba saba yinkoloseko yendlu kaSirayeli, ekhumbuza ubugwenxa ngokubheka kwayo kuwo; azi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
-
17
|Ezequiel 29:17|
Kwathi ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe, ngenyanga yokuqala, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
18
|Ezequiel 29:18|
Nyana womntu, uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, impi yakhe uyisebenzise umsebenzi omkhulu eTire. Zonke iintloko zikhuthukile, onke amagxalaba atyabukile; ukanti akabanga namvuzo ke, yena nempi yakhe, eTire, ngenxa yomsebenzi awusebenzileyo kuyo.
-
19
|Ezequiel 29:19|
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ndimnika ilizwe laseYiputa, ukuba athuthe intabalala yalo, athimbe intimbo yalo, aphange ixhoba lalo, ezo zinto zibe ngumvuzo wempi yakhe.
-
20
|Ezequiel 29:20|
Umvuzo wakhe awusebenzeleyo ndimnika ilizwe laseYiputa, ngokuba baye besebenzele mna; itsho iNkosi uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7