-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 39:11|
Kuya kuthi ngaloo mini, ndimnike uGogi indawo, apho liya kuba khona ingcwaba lakhe kwaSirayeli, umfula wabadluli ngasempumalanga elwandle; ubavalele abadluli; bamngcwabele khona uGogi nengxokolo yakhe yonke, bathi ngumfula wengxokolo kaGogi.
-
12
|Ezequiel 39:12|
Indlu kaSirayeli yoba neenyanga ezisixhenxe ibangcwaba, ukuze balihlambulule ilizwe;
-
13
|Ezequiel 39:13|
bonke abantu belizwe eli bangcwabe, kube ludumo kubo mini ndizizukisayo; itsho iNkosi uYehova.
-
14
|Ezequiel 39:14|
Baya kubalula amadoda anomonde acandacanda elizweni, nahamba nalawo acandacandayo, angcwabe abaseleyo ebusweni belizwe, ukuba alihlambulule. Ekupheleni kweenyanga ezisixhenxe aya kuligocagoca.
-
15
|Ezequiel 39:15|
Baya kucanda abacandacanda elizweni, babone ithambo lomntu, bamise umthelekelelo ecaleni kwalo, bade abangcwabi abo balingcwabe emfuleni wengxokolo kaGogi.
-
16
|Ezequiel 39:16|
Igama lomzi okhona liya kuba nguNgxokolo; balihlambulule ke ilizwe.
-
17
|Ezequiel 39:17|
Wena ke, nyana womntu, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yithi, kwiintaka zeentlobo ngeentlobo, nakumarhamncwa onke asendle, Buthanani nize; zihlanganiseni ngeenxa zonke embingelelweni wam endinibingeleleyo, umbingelelo omkhulu ezintabeni zakwaSirayeli; nidle inyama, nisele igazi.
-
18
|Ezequiel 39:18|
Niya kudla inyama yamagorha, nisele igazi lezikhulu zehlabathi, iinkunzi zeegusha, namatakane, neenkunzi zeebhokhwe, neenkunzi zeenkomo ezintsha ezityetyisiweyo zaseBhashan, zonke ziphela.
-
19
|Ezequiel 39:19|
Nodla amanqatha nihluthe, nisele igazi ninxile embingelelweni wam endinibingeleleyo;
-
20
|Ezequiel 39:20|
nihluthe esithebeni sam ngamahashe nangabamahashe, ngamagorha namadoda onke okulwa; itsho iNkosi uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21