-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Ezequiel 3:21|
Wena ke, xa uthe walivuselela ilungisa, ukuba lingoni ilungisa, alona ke: lophila ngokuba livuselelwe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.
-
22
|Ezequiel 3:22|
Sabakho apho isandla sikaYehova phezu kwam, wathi kum, SukÂ’ ume, phuma uye entilini, ndithethe nawe khona.
-
23
|Ezequiel 3:23|
Ndesuka ndema, ndaphuma ndaya entilini; nanko ke, kumi khona ubuqaqawuli bukaYehova obunjengobuqaqawuli obuya ndabubonayo ngasemlanjeni oyiKebhare; ndawa ngobuso.
-
24
|Ezequiel 3:24|
Kwafika uMoya kum, wandimisa ngeenyawo zam, wathetha nam, wathi, Yiya uzivalele endlwini yakho.
-
25
|Ezequiel 3:25|
Wena ke, nyana womntu, yabona, baya kukufaka izintya, bakubophe ngazo, ukuze ungaphumi uye phakathi kwabo.
-
26
|Ezequiel 3:26|
Ndiya kulunamathelisa ulwimi lwakho ekhuhlangubeni lakho, ube sisidenge, ungabi yindoda eyohlwayayo kubo; ngokuba bayindlu eneenkani.
-
27
|Ezequiel 3:27|
Ndakuthetha nawe, ndowuvula umlomo wakho, uthi ke kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ovayo makeve, owalayo makale; ngokuba bayindlu eneenkani.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7