-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 42:11|
Ayenendlela phambi kwawo, ebonakala enjengamagumbi asingise entla; ngobude bawo, aba njalo nangobubanzi bawo, aba njalo nangokuphuma kwawo konke, aba njalo nangamasiko awo.
-
12
|Ezequiel 42:12|
Njengoko injalo iminyango yawo lawo, injalo neminyango yamagumbi abe ekhangele ngezantsi; kwakukho umnyango emantloko endlela, endlela emalunga nodonga olulungelelene namagumbi la, endlela evela ngasempumalanga ekuyiweni kuwo.
-
13
|Ezequiel 42:13|
Wathi kum, Amagumbi angasentla namagumbi angasezantsi, aphambi kwendawo eqhiwukileyo, wona ngamagumbi angcwele, apho ababingeleli abasondelayo kuYehova baya kudlela khona ezona nto zingcwele; apho baya kuzibeka khona ezona nto zingcwele, umnikelo wokudla, nedini lesono, neletyala; ngokuba le ndawo ingcwele.
-
14
|Ezequiel 42:14|
Bakungena ababingeleli, mabangaphumi engcweleni, baye entendelezweni engaphandle; bozibeka apho iingubo zabo, abalungiselela benazo, ngokuba zingcwele; mabambathe ngubo zimbi, basondele ke kokwabantu.
-
15
|Ezequiel 42:15|
Wathi ke akugqiba ukuyilinganisa indlu ephakathi, waphuma nam, wasingisa ngendlela yesango elibheke empumalanga, walinganisa khona, wajikeleza ngeenxa zonke.
-
16
|Ezequiel 42:16|
Walinganisa icala lasempumalanga ngengcongolo yokulinganisa; yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke.
-
17
|Ezequiel 42:17|
Walinganisa icala langasentla; yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke.
-
18
|Ezequiel 42:18|
Kwicala langasezantsi walinganisa amakhulu amahlanu eengcongolo, ngengcongolo yokulinganisa.
-
19
|Ezequiel 42:19|
Wajikela ecaleni langasentshonalanga, walinganisa amakhulu amahlanu eengcongolo, ngengcongolo yokulinganisa.
-
20
|Ezequiel 42:20|
Ngamacala omane wayilinganisa. Inodonga olujikelezileyo ngeenxa zonke; ubude bangamakhulu amahlanu, nobubanzi bangamakhulu amahlanu, ukuze kwahlulwe phakathi kokungcwele nokuhlambeleyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10