-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 48:11|
Ababingeleli abangcwalisiweyo koonyana bakaTsadoki, abasigcinayo isigxina sam, abangandwendwanga ekundwendweni koonyana bakaSirayeli, njengoko bandwendwayo abaLevi,
-
12
|Ezequiel 48:12|
woba ngowabo umrhumo emrhumeni welizwe; uyingcwele kangcwele ngasemdeni wabakaLevi.
-
13
|Ezequiel 48:13|
Ke abaLevi bozuza isahlulo esinxulumene nomda wababingeleli, sibe ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, sibe lishumi lamawaka ububanzi; bonke ubude bube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka, nobubanzi bube lishumi lamawaka.
-
14
|Ezequiel 48:14|
Ke abayi kuthengisa ngento yaso, bangananisi ugayo, bangayidluliseli kwabanye intlahlela yelo zwe; ngokuba ingcwele kuYehova.
-
15
|Ezequiel 48:15|
Ke amawaka amahlanu aseleyo ebubanzini, kumawaka angamashumi amabini anamahlanu, akangcwele; ngawomzi, ngawendawo yokuma neyephandle. Umzi woba sesazulwini sawo.
-
16
|Ezequiel 48:16|
Yiyo le imilinganiso: icala langasentla loba ngamawaka amane anamakhulu amahlanu, icala langasezantsi libe ngamawaka amane anamakhulu amahlanu, icala lasempumalanga libe ngamawaka amane anamakhulu amahlanu, icala lasentshonalanga libe ngamawaka amane anamakhulu amahlanu.
-
17
|Ezequiel 48:17|
Iphandle lomzi ngasentla loba ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasezantsi libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasempumalanga libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasentshonalanga libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu.
-
18
|Ezequiel 48:18|
Okuseleyo ebudeni obunxulumene nomrhumo ongcwele, koba ngamawaka alishumi ngasempumalanga, kube ngamawaka alishumi ngasentshonalanga; onxulumana nomrhumo ongcwele; ungeniselo lwawo lube kukudla kwabasebenzi bawo umzi.
-
19
|Ezequiel 48:19|
Abasebenzi abo ke bomzi bowalima, bengabasezizweni zonke zakwaSirayeli.
-
20
|Ezequiel 48:20|
Umrhumo wonke woba ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ububanzi; isahlulo sesine somrhumo ongcwele nosirhumela ukuba sibe sesomzi lowo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3