-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Ezequiel 6:1|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
2
|Ezequiel 6:2|
Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho ezintabeni zakwaSirayeli, uprofetele kuzo,
-
3
|Ezequiel 6:3|
uthi, Yivani, nina zintaba zakwaSirayeli, ilizwi leNkosi uYehova. Itsho iNkosi uYehova kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, ukuthi, Yabonani, ndinizisela ikrele, ndizidilize iziganga zenu.
-
4
|Ezequiel 6:4|
Ziya kuba ngamanxuwa izibingelelo zenu, zaphulwe izithixo zenu zelanga; ndibakhahlele ababuleweyo benu phambi kwezigogo zenu.
-
5
|Ezequiel 6:5|
Ndozibeka izidumbu zoonyana bakaSirayeli phambi kwezigodo zabo, ndiwachithachithe amathambo enu ngeenxa zonke ezibingelelweni zenu.
-
6
|Ezequiel 6:6|
Imizi yoba ngamanxuwa ezindaweni zonke zokuhlala kwenu, zichithakale iziganga; ukuze zichithakale zibe ngamanxuwa izibingelelo zenu, zaphulwe ziphele izigodo zenu, zigawulwe izithixo zenu zelanga, icinywe imisebenzi yenu.
-
7
|Ezequiel 6:7|
Uya kuwa obuleweyo esazulwini senu; nazi ukuba ndinguYehova.
-
8
|Ezequiel 6:8|
Ndiya kushiya amasalela, ngokuthi kubekho kuni abasindileyo ekreleni phakathi kweentlanga, ekuchithwachithweni kwenu emazweni.
-
9
|Ezequiel 6:9|
Abasindileyo benu baya kundikhumbula phakathi kweentlanga abathinjelwe kuzo, xa ndithe ndayaphula intliziyo yabo ehenyuzayo, eyemkayo kum, namehlo abo abehenyuza ngokulandela izigodo zabo; bakruquke bububi ababenzileyo ngokusingisele emasikizini abo onke.
-
10
|Ezequiel 6:10|
Baya kwazi ukuba ndinguYehova; andifumane ndathetha ndathi, Ndiya kubenza obu bubi kubo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10