-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Ezequiel 24:9|
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha, mzindini unamagazi! Nam ndiya kuyenza ibe nkulu imfumba yeenkuni.
-
10
|Ezequiel 24:10|
Fumba iinkuni, khwezela umlilo, vuthisa inyama, ujiye umhluzi, atshe amathambo;
-
11
|Ezequiel 24:11|
uyibeke phezu kwamalahle ayo, ingasenanto phakathi, ukuze lufudumale lutshe ubhedu lwayo, bunyibilike ubunqambi bayo phakathi kwayo, umhlwa wayo ugqibele.
-
12
|Ezequiel 24:12|
Izidinisile ngemigushanxa; awuphumi kuyo umhlwa wayo omninzi; mawube semlilweni umhlwa wayo.
-
13
|Ezequiel 24:13|
Ebunqambini bakho ngamanyala; ngenxa enokuba ndikuhlambulule, akwahlambuluka, akusayi kuhlambuluka ebunqambini bakho, ndide ndibupholisele kuwe ubushushu bam.
-
14
|Ezequiel 24:14|
Mna Yehova ndithethile; iyeza le nto, ndiya kuyenza; andiyi kuyeka, andiyi kuba nanceba, andiyi kuzohlwaya. Baya kukugweba ngokweendlela zakho nangokweentlondi zakho; itsho iNkosi uYehova.
-
15
|Ezequiel 24:15|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
16
|Ezequiel 24:16|
Nyana womntu, yabona, ndithabatha kuwe intanda yamehlo akho ngesibetho; uze ungambambazeli, ungalili; makungaphumi zinyembezi kuwe.
-
17
|Ezequiel 24:17|
Gcuma uthe cwaka; uze ungenzi sijwili ngabafileyo. Jikela unkontsho lwakho, unxibe iimbadada zakho ezinyaweni zakho, ungazigqubutheli iindevu zakho eziphezu komlomo, ungasidli isonka sabantu.
-
18
|Ezequiel 24:18|
Ndathetha ke nabantu kusasa; ngokuhlwa wafa umkam; ndenza ke ngengomso njengoko wayendiwisele umthetho ngako.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10