-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Ezequiel 26:5|
Iya kuba yindawo yokwanekela iminatha phakathi kolwandle; ngokuba ndithethile, itsho iNkosi uYehova; ibe lixhoba leentlanga.
-
6
|Ezequiel 26:6|
Namagxamesi ayo asemaphandleni aya kubulawa ngekrele; bazi ukuba ndinguYehova.
-
7
|Ezequiel 26:7|
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, iTire ndiya kuyizisela uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, evela entla, ukumkani wookumkani, enamahashe neenqwelo zokulwa, nabakhweli, nesikhungu sabantu, nabantu abaninzi.
-
8
|Ezequiel 26:8|
Amagxamesi akho asemaphandleni uya kuwabulala ngekrele, akumisele inqaba yokubonisela, afumbe kuwe udonga lokungqinga, akumisele ikhusi lamakhaka;
-
9
|Ezequiel 26:9|
abhekise ezindongeni zakho iimpahla zakhe zokutyhomfa, azidilize iinqaba zakho ezinde ngeentsimbi zakhe.
-
10
|Ezequiel 26:10|
Ngenxa yoninzi lwamahashe akhe, uthuli lwawo luya kukugubungela; iindonga zakho ziya kunyikima ngenxa yesandi sabakhweli, neseevili, neseenqwelo zokulwa, ekungeneni kwakhe ngamasango akho, njengabangena emzini oqhekezwayo.
-
11
|Ezequiel 26:11|
Ngamanqina amahashe akhe uya kuzigqusha izitrato zakho zonke; uya kubabulala abantu bakho ngekrele, iintsika zakho ezinamandla aziwise emhlabeni.
-
12
|Ezequiel 26:12|
Baya kubuthimba ubutyebi bakho, bayiphange into orhweba ngayo, bazigunguxule iindonga zakho, bazidilize izindlu zakho ezinqwenelekayo, bawatshonise emanzini amatye akho, nemithi yakho, nothuli lwakho.
-
13
|Ezequiel 26:13|
Ndoluphelisa ulwandile lweengoma zakho, singabi saviwa isandi seehadi zakho.
-
14
|Ezequiel 26:14|
Ndokwenza ube yingxondorha ebalelelwe lilanga; uya kuba yindawo yokwaneka iminatha. Akusayi kuba sakhiwa; ngokuba mna Yehova ndithethile; itsho iNkosi uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13