-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
24
|Ezequiel 27:24|
babengabarhwebeli bakho ngeengubo ezintle kwaphela, nangeengubo zokwaleka ezimsi nezimfakamfele, nangemichako emabalabala. Ezo zinto zithandelwe zaqiniswa ngamaqamesi, ukuba ziye emarikeni yakho.
-
25
|Ezequiel 27:25|
Iinqanawa zaseTarshishe bezingabathuthi bakho nabolwananiso lwakho. Wachuma ke, wazuka kakhulu embilinini yeelwandle.
-
26
|Ezequiel 27:26|
Bakusa emanzini amakhulu ababheqi bakho; umoya wasempumalanga wakwaphula embilinini yeelwandle.
-
27
|Ezequiel 27:27|
Ubuncwane bakho neempahla zakho othengise ngazo, nezinto zakho ozananileyo, noomateloshe bakho, nabaqhubi bakho, nabalungisi beentanda zakho, nabananisi beento zakho zokwananwa, namadoda akho onke okulwa aphakathi kwakho, kunye nesikhungu sakho sonke esiphakathi kwakho, baphalala embilinini yeelwandle ngemini yokuwa kwakho.
-
28
|Ezequiel 27:28|
Ngenxa yezwi lokukhala labaqhubi bakho, ayanyikima amadlelo.
-
29
|Ezequiel 27:29|
Bayehla emikhombeni yabo bonke ababheqi noomateloshe, bonke abaqhubi baselwandle, beze kuma emhlabeni.
-
30
|Ezequiel 27:30|
Baya kulivakalisa ilizwi labo phezu kwakho, bakhale kakrakra, bazigalele ngothuli ezintloko, bazigalele ngothuthu.
-
31
|Ezequiel 27:31|
Bozicheba iintloko ngenxa yakho, babhinqe ezirhwexayo, bakulilele ngobukrakra bomphefumlo wabo, bembambazela kakrakra.
-
32
|Ezequiel 27:32|
Bokuphakamisela isimbonono esimemeni sabo, bakwenzele isimbonono, besithi, Ngubani na onjengeTire, onjengobethwe wathi cwaka embilinini yeelwandle?
-
33
|Ezequiel 27:33|
Ekuphumeni kweempahla zakho othengise ngazo ezilwandle, wahluthisa izizwe ezininzi; ngobuninzi bobuncwane bakho nobolwananiso lwakho wabatyebisa ookumkani behlabathi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10