-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
2
|Ezequiel 29:2|
Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kuFaro ukumkani waseYiputa, uprofete ngaye, nangeYiputa yonke iphela.
-
3
|Ezequiel 29:3|
Thetha uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuchasile, Faro kumkani waseYiputa, ngwenya inkulu ibuthumileyo emijelweni yayo yoMnayile, itsho ukuthi, Ngowam umlambo, ndizenzele mna.
-
4
|Ezequiel 29:4|
Ndiya kufaka amakhonkco emihlathini yakho, ndizinamathisele emaxolweni akho iintlanzi zemijelo yakho, ndikurhole emijelweni yakho, neentlanzi zonke zemijelo yakho, ezinamathele emaxolweni akho.
-
5
|Ezequiel 29:5|
Ndiya kukulahlela entlango, wena neentlanzi zonke zemijelo yakho. Uya kuwa endle, akuyi kuhlanganiswa ubuthwe; ndikunikele ukuba ube kukudla kwamarhamncwa elizwe nokweentaka zezulu.
-
6
|Ezequiel 29:6|
Baya kwazi bonke abemi baseYiputa ukuba ndinguYehova. Ngokokuba ibe ingumsimelelo wengcongolo kwindlu kaSirayeli.
-
7
|Ezequiel 29:7|
Bakubambelela kuwe ngamahlamvu akho, usuka uvikiveke, ukrazule lonke igxalaba labo; uthi bakusimelela ngawe, waphuke, ugxadazelise zonke izinqe zabo.
-
8
|Ezequiel 29:8|
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuzisela ikrele, ndinqumle kuwe umntu nenkomo;
-
9
|Ezequiel 29:9|
ilizwe laseYiputa kube senkangala, libharhe; bazi ukuba ndinguYehova, ngenxa enokuba usithi, Umlambo ngowam, ndizenzele mna.
-
10
|Ezequiel 29:10|
Ngako oko uyabona, ndikuchasile nemijelo yakho; ndiya kulibharhisa ilizwe laseYiputa libharhe, kube senkangala, lithabathele eMigidoli, lise eSevene, lise emdeni wakwaKushi.
-
11
|Ezequiel 29:11|
Akuyi kucanda lunyawo lwamntu kulo, akuyi kucanda nqina lankomo kulo, lingemiwa, iminyaka engamashumi amane.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10