-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
27
|Ezequiel 32:27|
Ke abayi kulala namagorha awileyo angawabangalukileyo, abehlayo baya kwelabafileyo beneempahla zokulwa, ebekwe amakrele abo phantsi kweentloko zabo; ubugwenxa babo buwafikele amathambo abo; ngokuba baye besothusa amagorha ezweni labahleliyo.
-
28
|Ezequiel 32:28|
Nawe ke uya kwaphulwa phakathi kwabangalukileyo, ulale nababuleweyo ngekrele.
-
29
|Ezequiel 32:29|
Ukhona uEdom, ookumkani bakhe nezikhulu zakhe zonke, abathi benobugorha babekwa kwababuleweyo ngekrele; balala nabangalukileyo, nabehle baya emhadini.
-
30
|Ezequiel 32:30|
Zikhona iinkosi zasentla, zonke ziphela, namaTsidon onke, ezehlayo nababuleweyo; zidanile, noko beziqhiphukisa umbilini ngobugorha bazo; zilele zingabangalukileyo kwanababuleweyo ngekrele, zithwele ihlazo lazo nabehle baya emhadini.
-
31
|Ezequiel 32:31|
UFaro uya kubabona, athuthuzeleke ngenxa yengxokolo yakhe yonke; uFaro ubulewe ngekrele nempi yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.
-
32
|Ezequiel 32:32|
Ngokuba ndamnika ukuba othuse ilizwe labahleliyo; ulalisiwe ke phakathi kwabangalukileyo, kwanababuleweyo ngekrele, uFaro nengxokolo yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.
-
1
|Ezequiel 33:1|
Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
2
|Ezequiel 33:2|
Nyana womntu, thetha koonyana babantu bakowenu, uthi kubo, Xa ndithe ilizwe ndalizisela ikrele, abantu belizwe elo bathabatha indoda yaseziphelweni zabo, bayimisa ukuba ibe ngumboniseli wabo;
-
3
|Ezequiel 33:3|
yabona ikrele lilifikela ilizwe elo, yavuthela isigodlo, yabavusa abantu;
-
4
|Ezequiel 33:4|
ke umntu othe waliva izwi lesigodlo, akavuswa, lafika ikrele elo, lamthabatha: loba sentlokweni yakhe igazi lakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10