-
-
Xhosa
-
-
11
|Juan 10:11|
Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo, ubomi bakhe ubuncamela izimvu.
-
12
|Juan 10:12|
Ke yena ongumqeshwa, engengumalusi, ezingezizo ezakhe izimvu, uyibona ingcuka isiza, azishiye izimvu, abaleke, ize ingcuka izibambe, izichithachithe izimvu.
-
13
|Juan 10:13|
Umqeshwa lo ke ubaleka ngokuba engumqeshwa, engazikhathalele izimvu.
-
14
|Juan 10:14|
Ndim umalusi olungileyo; ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam.
-
15
|Juan 10:15|
Njengokuba endazi uBawo, nam ndiyamazi uBawo, nobomi bam ndibuncamela izimvu.
-
16
|Juan 10:16|
Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.
-
17
|Juan 10:17|
Ngenxa yoku uBawo uyandithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe.
-
18
|Juan 10:18|
Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama mna ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo.
-
19
|Juan 10:19|
Abuya ngoko amaYuda athi qheke kubini ngenxa yala mazwi.
-
20
|Juan 10:20|
Yayisithi ke into eninzi kuwo, Unedemon, uyageza; yini na ukuba nimphulaphule?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21