-
-
Xhosa
-
-
21
|Juan 10:21|
Abanye babesithi, La mazwi asingawo awophethwe yidemon: idemon ingaba inako yini na ukuvula amehlo emfama?
-
22
|Juan 10:22|
Ke kaloku, kwabakho umthendeleko wokuhlaziywa kwetempile eYerusalem; kwaye kusebusika.
-
23
|Juan 10:23|
Waye ehambahamba uYesu etempileni, evarandeni kaSolomon.
-
24
|Juan 10:24|
Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu, sixelele ngokuphandle.
-
25
|Juan 10:25|
Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam.
-
26
|Juan 10:26|
Nina anikholwa; kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo.
-
27
|Juan 10:27|
Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela;
-
28
|Juan 10:28|
mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam.
-
29
|Juan 10:29|
UBawo, ondinike zona, ungaphezu kwabo bonke; akukho bani unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo.
-
30
|Juan 10:30|
Mna noBawo sibanye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Crónicas 8-9