-
-
Xhosa
-
-
11
|Juan 12:11|
ngokuba ngenxa yakhe abaninzi bamaYuda bemka, bakholwa kuye uYesu.
-
12
|Juan 12:12|
Ngengomso indimbane enkulu, eyabe ize emthendelekweni, yakuva ukuba uYesu uyeza eYerusalem,
-
13
|Juan 12:13|
yathabatha amasebe esundu, yaphuma, yaya kumhlangabeza; yadanduluka isithi, Hosana! makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi, uKumkani kaSirayeli!
-
14
|Juan 12:14|
UYesu, efumene ke iesilana, wahlala phezu kwalo, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,
-
15
|Juan 12:15|
Musa ukoyika, ntombi Ziyon; nanko ukumkani wakho esiza, ehleli phezu kwethole le-esile.
-
16
|Juan 12:16|
Ezi zinto ke abaziqondanga abafundi bakhe ukuqala; bathi kodwa, akuba ezukisiwe uYesu, bandula ukukhumbula ukuba ezi zinto zaye zibhaliwe ngaye, nokuba bazenza ezi zinto kuye.
-
17
|Juan 12:17|
Yaye ingqina ngoko indimbane leyo, ibe inaye oko wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, wamvusa kwabafileyo.
-
18
|Juan 12:18|
Ngenxa yoko indimbane yamhlangabeza; ngokuba yayivile ukuba uwenzile lo mqondiso.
-
19
|Juan 12:19|
Bathe ngoko abaFarisi phakathi kwabo, Niyabona na kodwa ukuba anincedi lutho? Yabonani, ulandelwa lilizwe lonke.
-
20
|Juan 12:20|
Ke kaloku, kwakukho amaGrike athile kwababenyukile, beze kunqula emthendelekweni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19