-
-
Xhosa
-
-
41
|Juan 12:41|
Ezi zinto wazithetha uIsaya, oko wabubonayo ubuqaqawuli bakhe, wathetha ngaye.
-
42
|Juan 12:42|
Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi yayingavumi ngamlomo, hleze ikhutshwe esikhungwini;
-
43
|Juan 12:43|
kuba babethanda uzuko oluvela ebantwini, ngaphezu kozuko oluvela kuThixo.
-
44
|Juan 12:44|
Ke yena uYesu wadanduluka wathi, Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum, ukholwa kulowo wandithumayo.
-
45
|Juan 12:45|
Lowo undibonayo, ubona owandithumayo.
-
46
|Juan 12:46|
Mna, lukhanyiso, ndifikile ehlabathini, ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni.
-
47
|Juan 12:47|
Nokuba umntu uthe weva amazwi la am, akakholwa, mna andimgwebi; kuba andize kuligweba ihlabathi, ndize kulisindisa ihlabathi.
-
48
|Juan 12:48|
Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.
-
49
|Juan 12:49|
Ngokuba mna andithethanga okuphuma kum; owandithumayo, uBawo ngokwakhe, nguye owandiwisela umthetho wokuba ndithini na, nokuba ndithethe ntoni na.
-
50
|Juan 12:50|
Ndiyazi nokwazi ukuba umthetho wakhe lowo bubomi obungunaphakade. Ngoko izinto endizithethayo mna, njengoko uBawo andixeleleyo, ndenjenjalo ukuzithetha.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19