-
-
Xhosa
-
-
1
|Juan 20:1|
Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, kuza engcwabeni uMariya waseMagadala kusasa, kusentsundu, alibone ilitye lisusiwe engcwabeni.
-
2
|Juan 20:2|
Agidime ngoko, eze kuSimon Petros nakomnye umfundi, lowo ubethandwa nguYesu, athi kubo, Bayisusile iNkosi engcwabeni; asazi nalapho bayibeke khona.
-
3
|Juan 20:3|
Waphuma ngoko uPetros nomnye umfundi lowo, besiya engcwabeni.
-
4
|Juan 20:4|
Ke kaloku baye begidima bona bobabini kunye; waza omnye umfundi lowo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni.
-
5
|Juan 20:5|
Uthi akuqondela, azibone izisongelo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa; akangenanga ke noko.
-
6
|Juan 20:6|
Afike ngoko uSimon Petros emlandela, angene engcwabeni, azibone izisongelo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa;
-
7
|Juan 20:7|
neqhiya ebisentlokweni yakhe, ingadibene neelinen abesongelwe kuzo, isongiwe yodwa ndaweni ithile.
-
8
|Juan 20:8|
Wandula ngoko wangena nomnye umfundi, lowo ubefike kuqala engcwabeni, wabona, wakholwa;
-
9
|Juan 20:9|
kuba babengekasazi isibhalo esithi, umelwe kukuthi avuke kwabafileyo.
-
10
|Juan 20:10|
Babuya ngoko abafundi bagoduka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32